Uhlaziyo-Mnqophiso 2:24-26 Ibhayibhile (XHO96)

24. “Sakuba ke sigqithile eMowabhi, uNdikhoyo wathi: ‘Ke ngoku sukani niwele umlambo iAnoni. USihon ukumkani wama-Amori oseHeshbhon sendimnikele esandleni senu, ngokunjalo nomhlaba wakhe. Mhlaseleni, niye niwuhluthe umhlaba wakhe.

25. Ukusukela namhlanje bonke abantu belimiweyo ndiza kubenza banoyike, barhwaqeliswe yingxelo yoko nikwenzileyo.’ ”

26. “Ngoko ke ndathumela kukumkani uSihon waseHeshbhon xa thina sasikwintlango yeKedemoti, ndizama uxolo, ndisithi:

Uhlaziyo-Mnqophiso 2