Uhlaziyo-Mnqophiso 15:2-4 Ibhayibhile (XHO96)

2. Le nto ke noyenza ngolu hlobo: Nabani na obeboleke uwabo ulutho kufuneka alicime elo tyala, angabi sayithatha loo nto, kuba lithuba lokucinywa kwamatyala elimiselwe *nguNdikhoyo.

3. Yona into oyibanjwa yintlanga ungayibiza, kodwa oyibanjwa ngumwenu ungabi sayithatha.

4. Ke yena uNdikhoyo uThixo wenu uya kunithamsanqela kwelo lizwe aninika lona, kangangokuba kungabikho namnye umntu olihlwempu,

Uhlaziyo-Mnqophiso 15