9. Niya kuzinza kwelo lizwe lendyebo wayebathembise ngalo ngesifungo uNdikhoyo ooyihlo-mkhulu ndawonye nenzala yabo.
10. Kaloku eli lizwe niza kuma kulo alifani nelaseJiputa apho nivela khona. Kaloku apho nanihlwayela imbewu, nisebenza nzima ninkcenkceshela oku komntu onesitiya;
11. kambe ke lona eli lizwe niza kungena kulo ngumhlaba weentaba neentili, ilizwe lemvula.
12. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu eli lizwe ulikhathalele; ewe, uhlala elalusile unyaka wonke.
13. “Ngoko ke yithobeleni le miyalelo ndininika yona namhlanje, nimthande uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke.
14. Xa nisenjenjalo ke uNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuyinisa imvula ngamaxesha ayo – entlako-hlaza nasekwindla – khon' ukuze nivune ukudla okuziinkozo, iwayini, namafutha omnquma;
15. ize nengca ibe ninzi, zihluthe iinkomo zenu; ngaloo ndlela ke nixhamle intlutha.’