19. Ngoko ke nani bathandeni abangeneleli, kuba nani nanikhe nangabasemzini kwelaseJiputa.
20. Mhloneleni uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze, nibambelele kuye, nifunge ngegama lakhe.
21. Uyimbangi yokudumisa kwenu, unguThixo wenu; ibe ke nizibonele ngawenu amehlo izinto ezinkulu nezimangalisayo anenzela zona.
22. Ukuya kwabo eJiputa ooyihlo-mkhulu babengamashumi asixhenxe kuphela. Kodwa ke ngoku uNdikhoyo uThixo wenu unandisile natsho nayinyambalala enjengeenkwenkwezi esibhakabhakeni.”