Uhlaziyo-Mnqophiso 1:34-40 Ibhayibhile (XHO96)

34. “Ke kaloku *uNdikhoyo akuziva izikrokro zenu wakhathazeka, wada wafunga wathi:

35. ‘Inene, akukho namnye kuni, sizukulwanandini esigwenxa, uya kungena kwelo lizwe lihle kunene ndabathembisa ngalo ngesifungo ooyihlo-mkhulu.

36. Kuphela longenwa nguKalebhi unyana kaJefune. Kaloku yena wahlala enyanisekile kum, ndaye ke elo lizwe walihlolayo ndiza kulinikela kuye nesizukulwana sakhe.’

37. “Kwakukwangenxa yenu ukuze uNdikhoyo akhathazeke, athi kum: ‘Nawe ngokwakho soze uthi cakatha kwelo lizwe.

38. Kambe ke ihlakani lakho, uYoshuwa unyana kaNune, nguye oya kulingena elo lizwe; mkhuthaze, kuba nguye oya kungenisa uSirayeli kwelo lizwe elililifa lakhe.’

39. “Ngaphezu koko ke uNdikhoyo wathi: ‘Ngabantwana benu kuphela abaya kungena kwelo lizwe; nditsho abo bangekakwazi ukwahlula okubi kokuhle, abo kanye nanisithi nina boba ngamaxhoba otshaba. Elo lizwe ndiya kulinikela kubo, limiwe ngabo.

40. Ke nina jikani, nisinge entlango ngendlela eya kuLwandle oluBomvu.’

Uhlaziyo-Mnqophiso 1