Uhezekile 9:7-11 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kwakhona uthe kubo: “Yigqwaliseni indlu kaThixo, iinkundla zizale zizidumbu. Hambani!” Baza ke bahamba betyakatya bebulala esixekweni apho.

8. Ngeli xesha babulalayo ndishiywe ndedwa, ndasuka ndacambalala ndabhomboloza ndathi: “Awu, Nkosi Ndikhoyo, ukhuphela ingqumbo yakho eJerusalem ngokutshabalalisa namasalela la ukuze kungasali nempunde kwaSirayeli?”

9. Wandiphendula wathi: “Lukhulu kakhulu ukreqo lwendlu kaSirayeli nekaJuda; kuligazi nje elizweni, ubulungisa abukho konke kwesi sixeko. Bathi: ‘UNdikhoyo ulishiyile ilizwe; uNdikhoyo akasiboni.’

10. Ke ngoko andizi kuba nanceba ndibasindise, kodwa baya kuvuna loo nto bayilimileyo.”

11. Ke kaloku umfo onxibe izambatho zelinen ephethe izixhobo zakhe zokubhala wabuya wathi: “Ndisebenze ngokomyalelo wakho.”

Uhezekile 9