Uhezekile 8:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. INkosi yathi kum: “Mntundini, khangela ngasentla.” Ndaza ndajonga, ndabona isithixo esixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo simi kufuphi neqonga lamadini ngakwisango langentla.

6. INkosi yathi kum: “Mntundini, uyayibona into abayenzayo – intlondi eyenziwa yindlu kaSirayeli apha, izinto eziza kundigxotha kwisibingelelo sam esisodwa? Kanti ke useza kubona nawona manyundululu.”

7. Yaza yandibeka esangweni lenkundla. Ndajonga ndabona umngxuma eludongeni.

8. Yathi ke kum: “Mntundini, ngoku ke gqobhoza eludongeni.” Nam ke ndagqobhoza, ndaza ndabona umnyango apho.

9. Yathi kum: “Ngena ubone amanyundululu abawenzayo apha.”

Uhezekile 8