21. Makungabikho mbingeleli usela iwayini xa eza kungena kwinkundla engaphakathi.
22. Abanakutshata umhlolokazi okanye umfazi owaliwe yindoda; bangatshata intombi yomnombo kaSirayeli kuphela, kungenjalo umhlolokazi wombingeleli.
23. Kufuneka bafundise abantu bam umahluko phakathi kwezinto ezahlulelwe mna nezizezinye, nokuba babe nako ukuyahlula leyo *inomlaza kwenyulu.
24. “Xa kukho iimbambano kuya kwahlula ababingeleli. Ze bakwenze oko ngokwemimiselo yam. Baya kuyithobela imigaqo, bayilulamele imimiselo ejongene nayo yonke imisitho emiselweyo, bajonge ukuba *neMihla yokuPhumla ibe yimihla eyodwa.
25. “Umbingeleli maze angazifaki umlaza ngokusondela esidumbini somntu; kodwa xa isidumbu isesoyise kungenjalo unina, unyana kungenjalo intombi, umntakwabo kungenjalo udade wabo ongatshatanga, angasondela kuso.