9. Ndiyavelana nani, ndaye ndiza kunibonelela; niza kulinywa nihlwayelwe.
10. Ndiya kunandisela abemi, nditsho nkqu yonke indlu kaSirayeli. Ziya kuba nabantu izixeko, avuswe amabhodlo.
11. Ndiya kulandisa inani labantu nemfuyo; ziya kuchuma zande. Ndiya kumisa abantu kuni, kube ngcono kuni kunangaphambili. Niya kuqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.
12. Ndiya kubenza abantu bam, amaSirayeli, banyathele phezu kwenu. Niya kuba ziintaba zabo, nibe lilifa labo. Anisoze niphinde nibahluthe abantwana babo.
13. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo kwilizwe lakwaSirayeli ukuthi: Njengoko abantu besithi: ‘Uyabaqwenga abantu, isizwe usihluthe abantwana,’
14. ngoku ke akuyi kuphinda uqwenge abantu, uhluthe nesizwe abantwana, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
15. Andiyi kuphinda ndikwenze unyamezele ukugxwalwa zizizwe, ube yintlekisa yabantu, nokuba siwe isizwe sakho, itsho iNkosi uNdikhoyo.”
16. Kwakhona ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
17. “Mntundini, amaSirayeli aligqwalisile ilizwe ngesimo nangezenzo zawo ngexesha ayehlala kulo. Isimo sawo emehlweni am nqwa nomfazi ohlambayo.
18. Ndayikhuphela kuwo ke ingqumbo yam, kuba ayeliphalazile igazi elizweni, alixabhela ngezithixo.
19. Ndawasarhaza ezizweni aziimbacu emazweni, ndabohlwaya ngokwesimo nezenzo zawo.
20. Naphi na apho ahamba khona ezizweni alinyelisa igama lam elingcwele, kuba kwakusithiwa: ‘Aba ngabantu bakaNdikhoyo, kodwa kwanyanzeleka balishiye ilizwe lakhe.’
21. Ndakhathazeka ngenxa yegama lam elingcwele elalinyeliswa yindlu kaSirayeli ezizweni ayebhacele kuzo.
22. “Ngoko ke, yithi kwindlu kaSirayeli: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Into endiyenzayo andiyenzi ngenxa yenu, maSirayeli, kodwa kungenxa yegama lam elingcwele enilenze ladelwa ezizweni enihamba kuzo.
23. Ndiza kwenza bubonwe ubungcwele begama lam elilodwa eniligqwalisileyo ezizweni. Izizwe ke ziya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo, xa zindibona ndingoyedwa ngento endinenzela yona.
24. “Ndiya kunilanda ezizweni, ndinibuthe kuwo onke amazwe, ndinibuyisele kwelakowenu.
25. Ndiya kunitshiza ngamanzi acocekileyo ukuze nicoceke; ndiya kukukhupha ukungcola kuni, ndinenze nahlukane nezithixo.