Uhezekile 32:21-24 Ibhayibhile (XHO96)

21. Kwelabafileyo iingangalala zeenkokheli ziya kuthetha ngeJiputa namahlakani ayo, zithi: ‘Behla baza kulala nabangalukanga, abo babulewe ngekrele.’

22. “Ilapho iAsiriya kunye nomkhosi wayo wonke; urhangqwe ngamangcwaba abantu bayo bonke ababuleweyo, bebulawa ngekrele.

23. Amangcwaba abo asezantsi kwelabafileyo; arhangqwe zizidumbu zomkhosi wayo. Bonke abahlwayela ivuso elizweni labaphilayo batyakatyiwe babulawa ngekrele.

24. “Ilapho iElam; ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke batyakatywe ngekrele. Bonke abatyala ivuso elizweni labaphilayo baye kulala ngaphantsi komhlaba kunye nabangalukanga. Bathwele ihlazo kunye nâbo behlayo bengena kwelabafileyo.

Uhezekile 32