Uhezekile 32:17-23 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ngomhla weshumi elinesihlanu enyangeni, kunyaka weshumi elinambini, ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

18. “Mntundini, zenzele isijwili izihlwele zaseJiputa, uzithobele phantsi komhlaba kunye nezizwe ezinamandla, behle bangene kwelabafileyo kunye nâbo bangena khona.

19. Yithi kubo: ‘Ngaba nina niyalungiselelwa kunabanye? Yihlani niye kulala phakathi kwabangalukanga.’

20. Baya kuwa nâbo babulewe ngekrele. Ikrele lithiwe rhuthu esingxotyeni salo; iJiputa mayirhuqwe imke kunye nezihlwele zayo.

21. Kwelabafileyo iingangalala zeenkokheli ziya kuthetha ngeJiputa namahlakani ayo, zithi: ‘Behla baza kulala nabangalukanga, abo babulewe ngekrele.’

22. “Ilapho iAsiriya kunye nomkhosi wayo wonke; urhangqwe ngamangcwaba abantu bayo bonke ababuleweyo, bebulawa ngekrele.

23. Amangcwaba abo asezantsi kwelabafileyo; arhangqwe zizidumbu zomkhosi wayo. Bonke abahlwayela ivuso elizweni labaphilayo batyakatyiwe babulawa ngekrele.

Uhezekile 32