22. “Uthengiselene nabarhwebi baseShebha nabaseRama. Ukuze bafumane impahla yakho bathengise ngezona-zona zinongo, nawona-wona matye anqabileyo, nangegolide.
23. “Uthengiselene nabarhwebi baseHaran, Kane, Eden, Sheba, Ashure, nabaseKilmadi.
24. Phaya emarikeni nirhwebe ngezambatho ezihle, ilaphu elizuba, imbroda, izicangca ezimabala-bala ezimitya iphothiweyo yanamanquma.