Uhezekile 21:2-6 Ibhayibhile (XHO96)

2. “Mntundini, bhekisa eJerusalem, usikhalimele isibingelelo kwanelizwe lakwaSirayeli.

3. Yithi kulo: Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndichasene nawe! Ndiya kulithi rhuthu ikrele lam esingxobeni salo, lidle kolilungisa nakokhohlakeleyo ngokufanayo.

4. Njengoko ndiza kubulala olilungisa nokhohlakeleyo ikrele lam liza kugwaza bonke abantu ukusuka emzantsi kuye emntla.

5. Baya kuqonda ngoko ke bonke abantu ukuba mna Ndikhoyo ndilikhuphile ikrele lam esingxobeni salo; kwaye alisokube liphinde libuyele.

6. “Ngako oko, mntundini, yenza incwina! Yenze phambi kwabo incwina yentliziyo eyaphukileyo nokudandatheka okukhulu.

Uhezekile 21