4. Kaloku wonke ophilayo ngowam; nditsho uyise nonyana, bobabini ngabam ngokufanayo. Uya kufa umntu othe wona.
5. “Nanku umfo olilungisa,owenza okulungileyo kwaphela:
6. akathathi nxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni,okanye athembele *kwizithixo zendlu kaSirayeli;akamhlazisi umka-mmelwane,okanye alale nomfazi osexesheni;
7. akacinezeli mntu,kodwa uyakubuyisa oko bekubanjiswa ngako ebolekisa;akanguye umphangi,koko ubapha ukutya abalambileyo, abambese abahamba ze;
8. akaxhaphazi mntu xa ebolekisa,hayi, akabizi nzuzo igabadelayo;akavani nokwenza okungalunganga,ababambeneyo ubagwebela ngolungelelwano.