15. “Akathathi nxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni,okanye anqule izithixo zakwaSirayeli;akamhlazisi umka-mmelwane;
16. akacinezeli mntuokanye abize isibambiso kulowo ubolekayo;akanguye umphangi,kodwa ubapha ukutya abalambileyo,abambese abahamba ze;
17. ubethela kude esonweni;akabaqhathi abo ababolekayo,hayi akababizi inzuzo engaphaya;uyayithobela imithetho,enze ngokwemimiselo yam.“Akayi kufa ngenxa yesono sikayise, koko uya kubudla ubomi.
18. Kodwa yena uyise uya kufa ngenxa yesono sakhe, kuba ebaxhaphazile abantu, wamkhuthuza umntakwabo, wenza okungalunganga kumawabo.