Uezra 9:14-15 Ibhayibhile (XHO96)

14. Singathini ke ngoku thina ukubuya siyaphule imiyalelo yakho ngokuzibandakanya ngomtshato nabantu abamikhuba imanyumnyezi kanje? Khona, ubungathini wena ukungakhathazeki ude usitshabalalise angabikho naloo masalela asindileyo?

15. Ewe, wena Ndikhoyo Thixo kaSirayeli, ulunge kwaphela! Namhlanje thina sinawo amasalela. Nakuba sinobutyala sinjalo, kodwa silapha. Phofu ngenxa yeli tyala lethu akukho namnye kuthi ungemayo phambi kwakho.”

Uezra 9