Uestere 8:5-7 Ibhayibhile (XHO96)

5. UEstere wathi: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, ukuba uyandamkela, ubona ukuba yinto entle le, ube nam undithakazelela, makukhutshwe isihlokomiso esitshitshisa esiya sikaHaman unyana kaHamedata um-Agagi, eso wayesibhalele ukutshabalalisa amaJuda kuzo zonke izithili zikakumkani.

6. Uthi ndingathini kodwa ukusinyamezela isithwakumbe esinje phezu kwabantu bakowethu? Ndingathini ukubukela amawethu etshatyalaliswa?”

7. Ke kaloku ukumkani uAsuwerosi wamphendula ukumkanikazi uEstere enoModekayi umJuda wathi: “Ngenxa yokuba uHaman ehlasele amaJuda, umzi wakhe ndiwunikezele kuEstere. Ke yena uHaman ndimxhome emthini olungiselelwe oko.

Uestere 8