8. Ukuba ngenene ndamkelekile kukumkani, ezimisele ukwenza ngokwesicelo sam, ukumkani ndawonye noHaman ngomso mabeze kwitheko endibalungiselele lona. Ngelo thuba ke ndowuphendula lo mbuzo awubuzayo ukumkani.”
9. Ngaloo mini ke uHaman wagoduka echwayitile. Kambe ke uthe akubona uModekayi esangweni lokumkani, ephawula nokuba akakhange amkhathalele ashukume nokushukuma xa adlulayo kuye, suka wafutheka ngumsindo ngenxa yesimo sikaModekayi.
10. Kambe ke noko uHaman wabuya wazithibaza, wagoduka.Apho ekhaya ke waqokelela izihlobo zakhe ndawonye nomkakhe uZereshi,
11. waza ke wabaqhayisela ngobutyebi bakhe nangoonyana abaninzi, ngokunjalo nangeendlela awayewongwe ngazo ngukumkani wada wamphakamisa kunazo zonke izikhulu namaphakathi akhe.
12. Waqhuba uHaman wathi: “Akuphelelanga kwezo zinto, nangoku ndim ndedwa umntu omenywe ngukumkanikazi uEstere ukuba aye nokumkani kwitheko alenzileyo. Ewe, kwakhona undimemele kwitheko aza kuba nalo nokumkani ngomso.