Uamos 2:8-13 Ibhayibhile (XHO96)

8. AmaSirayeli ahamba ezandlala kumaqonga ngamaqonga,etsho ngezambatho azithimbileyo,endlwini yothixo wawo asele iwayini ayithathe kubantu abadliweyo.

9. “Ndim kaloku owawatshabalalisayo ama-Amori phambi kwamaSirayeli –nditsho eziya ngxilimbela zibude bunga ngumthi womsedare,nokomelela kunga ngum-oki,ndazitshabalalisa iziqhamo zawo phezulu,ndazisiphula iingcambu ezantsi.

10. Ndim owanikhupha eJiputa,ndanikhapha amashumi amane eminyaka nisentlango,nada naya kuhlutha umhlaba wama-Amori.

11. Ndim owenza abanye boonyana benu baba *ngabashumayeli,abanye baba ngamalolo kaNdikhoyo?Akunjalo yini na, bonyana bakaSirayeli?”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

12. “Loo malolo nina niwangxale iwayini,*kubashumayeli nathi: ‘Musani ukushumayela.’

13. “Mna ke ndiza kunenza nixinge apho nikhoyo,oku kwenqwelo exinga kukuzala zizithungu.

Uamos 2