Kwabaseroma 7:21-24 Ibhayibhile (XHO96)

21. Kambe ke ndibhaqa le nto apha kum: Kuthi xa ndifuna ukwenza into elungileyo, ndisuke ndonganyelwe kukwenza ububi.

22. Ndiyawulangazelela umthetho kaThixo ngentliziyo,

23. kodwa ndibhaqa nto yimbi kwalapha kum echasene nomthetho endiwaziyo entliziyweni yam, nto leyo indithimbela esonweni esihleli kum.

24. Hayi usizana endilulo! Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba usisisulu sokufa?

Kwabaseroma 7