Kwabaseroma 4:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Sithini na ke ngobawo uAbraham esiyinzala yakhe?

2. Ukuba ebenziwe ilungisa ngenxa yokufezekisa kwakhe umthetho, ebengaqhayisayo; kodwa ngoku akanandlela yakuqhayisa phambi koThixo.

3. Zithini kanene *iziBhalo? Zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.”

4. Kaloku umntu osebenzayo wamkela umvuzo oyimfanelo yakhe, ungesiso isipho.

Kwabaseroma 4