Kwabaseroma 3:16-24 Ibhayibhile (XHO96)

16. yimbuqe nosizi emkhondweni wabo;

17. yona indlela yoxolo abayazanga;

18. ewe, abamoyiki konke uThixo.”

19. Siyazi ke ukuba konke okuthethwa ngumthetho, kuwiselwa abaphantsi komthetho; ukuze bonke basikwe umlomo, nehlabathi lonke lifumaneke linetyala kuThixo.

20. Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.

21. Ngoku ke indlela uThixo abalungisa ngayo abantu ibonakalisiwe, ingeyiyo eyomthetho. Kambe ke iyangqinelwa *ngumthetho kaMosis *nangabashumayeli bamandulo.

22. Yona kukukholwa nokuzinikela kuYesu Krestu. UThixo ubenza amalungisa bonke abakholwayo kuYesu, kuba akanamkhethe.

23. Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo.

24. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.

Kwabaseroma 3