Kwabaseroma 11:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngaba uThixo ubalahlile na abantu bakhe amaSirayeli? Nakanye! Nam ngokwam ndingumSirayeli, ndiyinzala ka-Abraham, ndingowendlu kaBhenjamin.

2. UThixo akabalahlanga abantu bakhe awabanyula mhlamnene. Kaloku niyayazi *eziBhalweni indawo apho uEliya awamangalela khona kuThixo amaSirayeli, esithi:

3. “Nkosi, amaSirayeli ababulele *abashumayeli bakho, namaqonga akho amadini awadilizile. Ndim ndodwa oseleyo, kwaye nam afuna ukundibulala.”

Kwabaseroma 11