5. Yilumkeleni indlela eniziphatha ngayo phambi kwabo bangakholwayo, nilisebenzise kakuhle ithuba eninalo.
6. Incoko yenu mayisoloko imnandi, inika umdla. Fundani ukucebisana kakuhle nomntu ngamnye enidibana naye.
7. Umwethu oyintanda, uTikiko okholekileyo, umncedi nogxa wam emsebenzini weNkosi, uza kunibalisela ngemeko yam apha.
8. Yiyo le nto ndimthumela kuni nje, ndifuna aze kunixelela ngempilo yethu, anivuselele.
9. Uza kuba ehamba no-Onesimo, ikholwa eliyintanda lakuni. Bonixelela ke zonke iindaba zalapha.