Kwabasekolose 1:6-9 Ibhayibhile (XHO96)

6. Olu daba luvakala elizweni liphela, luvelisa iziqhamo, lunwenwe kanye ngale ndlela lenze ngayo naphakathi kwenu ukususela mhla neva naziqonda njengoko zinjalo izibele zikaThixo.

7. Le nto nayiva ngoEpafra, umncedisi wethu othandekayo, osisicaka esithembekileyo sikaKrestu ngenxa yenu.

8. Nathi ke usibalisele ngothando aniphe lona uMoya.

9. Ngenxa yeso sizathu ke, ukususela mhla seva ngani, asiphezi ukunithandazela. Siyamcela uThixo ukuba aniphe ukuyazi intando yakhe, nibe nabo bonke ubulumko nokuqonda okuvela kuMoya.

Kwabasekolose 1