Kwabasefilipi 4:11-15 Ibhayibhile (XHO96)

11. Xa nditshoyo ke andikhalazeli kuswela. Kaloku mna ndafunda ukwanela nakuyiphi na imeko endikuyo.

12. Ndiyazana nokuswela, kanti ke futhi ndikuqhelile ukuba nento yonke. Ndiwaqhelile amahlandinyuka obomi: intlutha nendlala, ubutyebi nokuswela.

13. Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.

14. Ngxatsho ke, intle into eniyenzileyo ngokundixhasa ezingxakini zam.

15. Yayinini nodwa kakade enandincedayo, bantu baseFilipi, njengoko nani nisazi. Kuwo onke amabandla ethu nini kuphela enanijongene neendleko kunye nengenelo yam kwamhla ndaqalisa ukuhambisa iindaba ezimnandi, ndisuka eMakedoni.

Kwabasefilipi 4