Kutito 2:2-5 Ibhayibhile (XHO96)

2. Amadoda amakhulu makangabi ngomanxila; makazimaseke, abe ngcathu; enokholo, nothando, nonyamezelo.

3. Nabo abafazi abakhulu mabandiliseke, bangabi nalulwimi, banganxili butywala, bakwazi ukufundisa,

4. ukuze babonise abafazana ukuthanda abayeni babo nabantwana babo.

5. Abafazana mababe ngcathu, bakwazi ukuziphatha nyulu, bakhuthale emizini yabo, balulamele amadoda abo, ukuze bangalihlazisi ilizwi likaThixo.

Kutito 2