Kutito 2:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wena ke, shumayela ngendlela engqinelana nemfundiso ephilileyo.

2. Amadoda amakhulu makangabi ngomanxila; makazimaseke, abe ngcathu; enokholo, nothando, nonyamezelo.

3. Nabo abafazi abakhulu mabandiliseke, bangabi nalulwimi, banganxili butywala, bakwazi ukufundisa,

4. ukuze babonise abafazana ukuthanda abayeni babo nabantwana babo.

Kutito 2