Kumahebhere 7:4-7 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kucacile ke ukuba mkhulu, kuba nokhokho wethu uAbraham wanikela isishumi samaxhoba kuye.

5. Isizukulwana sikaLevi esingababingeleli siyagunyaziswa ngumthetho ukuba sithathe isishumi ebantwini, oko kukuthi kumawabo, nangona nawo ekwayinzala ka-Abraham.

6. UMelkizedeki akayiyo inzala kaLevi, kodwa nakuba kunjalo wathatha isishumi kuAbraham, waza wamsikelela; ngoko ke wasikelela umntu owanikwa izithembiso nguThixo.

7. Yinto engenakuphikwa ke ukuba osikelelayo mkhulu kunosikelelwayo.

Kumahebhere 7