Kumahebhere 7:14-21 Ibhayibhile (XHO96)

14. Iyaqondakala into yokuba iNkosi yethu yeyendlu kaJuda, ibe ke uMosis akazange ayikhankanye le ndlu malunga nobubingeleli.

15. Ngoku lo mcimbi ucaca ngakumbi, kuba kuvele mbingeleli wumbi ungowodidi lukaMelkizedeki.

16. Ububingeleli akabuzuzanga ngokwemigaqo nomthetho wabantu, koko ubufumene ngamandla obomi obungayi kuze bunqanyulwe.

17. Kaloku iziBhalo zithi: “Uya kuba ngumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki ohlala ehleli.”

18. Lowa wokuqala umthetho udedisiwe ngenxa yokuba ungenamandla, usoyiswa.

19. Umthetho kaMosis ubungakwazi kusulungekisa nto. Ngoku ke kuvezwe ithemba elingcono elisisondezayo kuThixo.

20. Ngaphezu koko, ngoku kukho nesifungo sikaThixo; ukanti akuzange kubekho sifungo ukumiselwa kwabanye ababingeleli.

21. Kodwa ke kulo mbingeleli unguYesu kwenziwa isifungo, njengoko zisithi iziBhalo:“Ifungile iNkosi, futhi ayiyi kujika:‘Ungumbingeleli ngonaphakade.’ ”

Kumahebhere 7