3. Kambe ke thina sikholwayo, singabo bangenayo koko kuphumla kuxelwayo xa kusithiwa:“Ndithe ke ngomsindo ndafunga ndathi:‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”Ke wona umsebenzi wakhe uThixo wayesele wawugqiba kwasekusekweni kwehlabathi.
4. Zixela loo nto ke iziBhalo xa zithetha ngomhla wesixhenxe zisithi: “UThixo waphumla ngomhla wesixhenxe akugqiba ukudala.”
5. Ndiyaphinda ndithi umxholo esithetha ngawo uthi: “Abasoze bangene ekuphumleni.”
6. Kucacile ke kodwa ukuba bakho bona abaya kungena. Abo babezive kuqala iindaba ezimnandi baphoswa bona kukungena ngenxa yokungakholwa kwabo.
7. UThixo ke umise omnye u-“namhlanje.” Kaloku emva kweminyaka emininzi selesebenzisa uDavide; uthi:“Namhlanje nakuliva ilizwi lakhe,nize ningabi neenkani.”