Kumahebhere 3:10-13 Ibhayibhile (XHO96)

10. Nantso into eyandicaphukisayo kweso sizukulwana, ndaza ndathi:Basoloko besona;abaziqondi iindlela zam.

11. Futhi ndada ndafunga ndinomsindo, ndathi:Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”

12. Niyabona ke, mawethu, lumkani kungabikho bani kuni ukhohlakeleyo, ungakholwayo, ongumkreqi kuThixo ophilayo.

13. Kambe ke, ngoku kusathiwa “namhlanje,” khuthazanani yonke imihla, ukuze kungabikho mntu uqaqadekiswa ngumtsalane wesono.

Kumahebhere 3