10. Nantso into eyandicaphukisayo kweso sizukulwana, ndaza ndathi:Basoloko besona;abaziqondi iindlela zam.
11. Futhi ndada ndafunga ndinomsindo, ndathi:Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”
12. Niyabona ke, mawethu, lumkani kungabikho bani kuni ukhohlakeleyo, ungakholwayo, ongumkreqi kuThixo ophilayo.
13. Kambe ke, ngoku kusathiwa “namhlanje,” khuthazanani yonke imihla, ukuze kungabikho mntu uqaqadekiswa ngumtsalane wesono.