12. Ngabo baqhayisa ngezinto zembonakalo yangaphandle, abo baninyanzela ngokwaluka. Into abayifunayo kuphela kukuzama ukuphepha ukutshutshiswa ngenxa yomnqamlezo kaYesu Krestu.
13. Kuba nkqu nabo balukayo abawuthobeli ncam umthetho; bafuna nje ukuba naluke ukuze baqhayise ngento yokuba nilenzile isiko – eliyinto nje yangaphandle!
14. Kodwa mna, mandingaqhayisi nganto ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Krestu; kuba ngalo mnqamlezo ihlabathi lifile kum, nam ndifile kulo.