18. Ke yona indlela yamalungisa ifana nemitha yokusa,yona iya iqaqamba ngokuqaqamba de ibe yimini epheleleyo.
19. Kambe ke zona iindlela zabakhohlakeleyo zingumnyam' ombonde-mbonde.Naxa bekhubeka abayazi into abakhubeka kuyo.
20. Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.
21. Amazwi am makangacimi emehlweni akho,koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho.