Izafobe 4:13-17 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ungaze wahlukane nengqeqesho, koko bambelela kuyo;yilondoloze, kuba ibubomi bakho.

14. Musa ukuhambisana nabantu abakhohlakeleyo,ungahambi nasekhondweni labenzi bobubi.

15. Ewe, ndithi zicezele iindlela zabo, ungahambi ngazo.Shenxa kuzo, uhambe uzigqithe.

16. Kaloku izikhohlakali azaneli kukulala zingenzanga nto imbi.Ewe, ziphuthelwa ubusuku bonke, zide zibe zenzakalise umntu.

17. Kaloku inkohlakalo sisonka abasidlayo;ubundlobongela yiwayini abayiselayo.

Izafobe 4