11. Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,ndakukhokelela endleleni ethe ngqo.
12. Xa uhamba, ukunyathela kwakho akuyi kuphazanyiswa,ngokunjalo naxa ubaleka akuyi kukhubeka.
13. Ungaze wahlukane nengqeqesho, koko bambelela kuyo;yilondoloze, kuba ibubomi bakho.
14. Musa ukuhambisana nabantu abakhohlakeleyo,ungahambi nasekhondweni labenzi bobubi.