12. Xa amalungisa athe aphumelela kuba yimivuyo nemincili,kodwa ke xa kuthe kwaphakama izikhohlakali abantu bayabaleka bazimele.
13. Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.
14. Unoyolo umntu ohlala ezoyikela;ke yena oqaqadekileyo uhlelwa ziinkathazo.
15. Isiphathamandla esikhohlakeleyo, esilawula abantu abangenakuzilwela,sinjengengonyama egragramayo, okanye ibhere ehlaselayo.
16. Umlawuli ongenangqondo uba ngumcinezeli;ke yena umlawuli oyithiyileyo inzuzo yobuqhetseba uba nexesha elide.
17. Umntu ongcungcuthekiswa lityala lokubulala woba ngumsabi ade afe;makungabikho bani umxhasayo.
18. Umntu ohamba ngengqibelelo uyakhuseleka ebomini;ke yena ondlela zimbaxa uyenzakala ngephanyazo.
19. Umntu owalimayo amasimi akhe akasweli kutya,kanti ke yena osukelana namampunge uvuna ubuhlwempu.