Izafobe 28:12-19 Ibhayibhile (XHO96)

12. Xa amalungisa athe aphumelela kuba yimivuyo nemincili,kodwa ke xa kuthe kwaphakama izikhohlakali abantu bayabaleka bazimele.

13. Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.

14. Unoyolo umntu ohlala ezoyikela;ke yena oqaqadekileyo uhlelwa ziinkathazo.

15. Isiphathamandla esikhohlakeleyo, esilawula abantu abangenakuzilwela,sinjengengonyama egragramayo, okanye ibhere ehlaselayo.

16. Umlawuli ongenangqondo uba ngumcinezeli;ke yena umlawuli oyithiyileyo inzuzo yobuqhetseba uba nexesha elide.

17. Umntu ongcungcuthekiswa lityala lokubulala woba ngumsabi ade afe;makungabikho bani umxhasayo.

18. Umntu ohamba ngengqibelelo uyakhuseleka ebomini;ke yena ondlela zimbaxa uyenzakala ngephanyazo.

19. Umntu owalimayo amasimi akhe akasweli kutya,kanti ke yena osukelana namampunge uvuna ubuhlwempu.

Izafobe 28