Izafobe 21:7-11 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ubundlobongela bezikhohlakali buyaziqweqwedisa,kuba azivumi ukwenza okufanelekileyo.

8. Iindlela zomntu onetyala zigoso-goso,kodwa ke yena umntu omsulwa wenza imisebenzi efanelekileyo.

9. Akunani kwaukuhlala wedwa, noba kuphezu kwendlu,ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.

10. Umntu okhohlakeleyo usoloko elambele ukwenza into embi;ummelwane wakhe akafumani nceba kuye.

11. Akohlwaywa umgxeki, nabangaqondiyo batsho bafumane isifundo;sakufundiswa isilumko, sizuza ukwazi.

Izafobe 21