7. Ubundlobongela bezikhohlakali buyaziqweqwedisa,kuba azivumi ukwenza okufanelekileyo.
8. Iindlela zomntu onetyala zigoso-goso,kodwa ke yena umntu omsulwa wenza imisebenzi efanelekileyo.
9. Akunani kwaukuhlala wedwa, noba kuphezu kwendlu,ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.
10. Umntu okhohlakeleyo usoloko elambele ukwenza into embi;ummelwane wakhe akafumani nceba kuye.
11. Akohlwaywa umgxeki, nabangaqondiyo batsho bafumane isifundo;sakufundiswa isilumko, sizuza ukwazi.