Izafobe 20:3-8 Ibhayibhile (XHO96)

3. Umntu onesidima uyasicezela isiphithi-phithi;kanti ke sona isiyatha siyathanda ukuphemba uqhushululu.

4. Ivila alilimi ngexesha lokulima;ngoko ke ngexesha lokuvuna liyafuna lingazuzi nto.

5. Iingcinga zomntu zifana nequla elinzulu;ke yena umntu oqiqayo ukha ulutho kuzo.

6. Baninzi abantu abazincoma ukunyaniseka;kodwa ke ungamzuza phi umntu othembekileyo?

7. Umntu olilunga uphila ubomi obungenabala;bayathamsanqeleka abantwana bakhe abamlandelayo.

8. Ukumkani ohleli kwisihlalo sokugwebauhluza ububi bonke ngamehlo akhe.

Izafobe 20