6. Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda.
7. Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo.
8. Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye.
9. Ukuba uyandiphulaphula uya kuba nako ukubuqonda ubulungisa,ukwazi okufanelekileyo nokulungileyo.Ewe, uya kutsho uyazi yonke indlela ethe ngqo.
10. Kaloku ubulumko buya kuhlala entliziyweni yakho,umphefumlo wakho uchwayite lulwazi.
11. Ukuba neembono eziphangaleleyo kuya kukugcina;ukuqonda kuya kukukhusela,