Izafobe 2:20-22 Ibhayibhile (XHO96)

20. Ngoko ke hamba ekhondweni labantu abalungileyo,uziphathe ngeendlela zamalungisa.

21. Kaloku ngabantu abanyanisekileyo abaya kuma kweli lizwe;ewe, ngâbo bamsulwa abaya kuhlala behleli kulo.

22. Ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kunqanyulwa elizweni;abo bangamatshijolo baya kuncothulwa kulo.

Izafobe 2