Izafobe 19:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Baninzi abacenga izikhulu;bonke abantu bazizihlobo zomntu ophayo.

7. Ihlwempu alifunwa nangabakowalo; yeka ke ukungafunwa kwalo zizihlobo!Noba selizifuna linezicengo soze lizifumane.

8. Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.

9. Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni uyatshabalala.

10. Isiyatha asifanelwa kukuthi zava –kobeka phi ukuba kubi kokuba amatshawe aphathwe sisicaka?

11. Umntu onengqondo akacaphuki msinya;kuye linqaku ukungakhathali noba selesoniwa.

12. Umsindo kakumkani unjengokugragrama kwengonyama;ke kona ukwamkeleka kuye kunjengombethe phezu kohlaza.

13. Unyana osisiyatha uyamtshonisa uyise;kanti ke yena umfazi onochuku ufana nendlu enethontsi.

Izafobe 19