Izafobe 15:25-31 Ibhayibhile (XHO96)

25. UNdikhoyo uyayidiliza imizi yabantu abanekratshi;kanti ke uyawukhusela umhlaba womhlolokazi.

26. UNdikhoyo uyazicaphukela iingcinga zabantu abagwenxa;kanti ezabanyulu zamkelekile kuye.

27. Umntu onyolukileyo uyihlisela inkathazo indlu yakhe;ke yena okuthiyileyo ukunyotywa uya kudla ubomi.

28. Umntu olilungisa uyacinga phambi kokuba aphendule;ke wona umlomo womntu okhohlakeleyo uphuphuma ububi.

29. UNdikhoyo ukude kubantu abakhohlakeleyo;phofu ke uyayiphulaphula imithandazo yamalungisa.

30. Imbonakalo echwayitileyo izisa ulonwabo entliziyweni;ibe ke zona iindaba ezimnandi ziyahlaziya emathanjeni.

31. Umntu ophulaphula ukucetyiswa uya kudla ubomi,azive esekhaya phakathi kwezilumko.

Izafobe 15