Isityhilelo 5:8-11 Ibhayibhile (XHO96)

8. Lithe iXhwane lakuyithatha incwadi leyo, izilwanyana ezine ndawonye namashumi amabini anesine amadoda amakhulu, asuka ee guqaqa phambi kwalo. Indoda nganye yayinehapu nesitya segolide esizele ziziqhumiso eziyimithandazo yosapho lukaThixo.

9. Ayevuma ingoma entsha, esithi:“Ukufanele wena ukuyithatha incwadi;ukufanele wena ukuluqhaqha uphawu lwayo.Ewe, kaloku wena wabulawa;ngegazi lakho waluthengela uThixo uluntukuzo zonke iintlanga neelwimi,kubantu ngabantu nezizwe ngezizwe.

10. Ubenze ababingeleli basebhotwe,ukuze bakhonze uThixo wethu.Ewe, baya kulilawula nehlabathi.”

11. Kwakhona ndakhangela, ndabona izigidi ngezigidi namawaka-waka ezithunywa zezulu! Zazingqonge ibhotwe, nezilwanyana ezine, ngokunjalo namadoda amakhulu.

Isityhilelo 5