16. Ngoko ke guquka, kungenjalo abo bantu ndiya kubahlasela ngekrele lomlomo.
17. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!“ ‘Lowo woyisileyo ndiya kumpha *imana efihliweyo. Ndiya kumnika nelitye elimhlophe apho kukrolwe igama elitsha elingaziwa mntu ngaphandle kwalowo lilelakhe.’ ”
18. “Bhalela ummeli webandla laseTiyatire, uthi: ‘Nalu udaba oluvela kuNyana kaThixo, yena unamehlo alenya ngathi ngamadangatye omlilo, onyawo zimenyezela ngathi lubhedu olugudisiweyo.