1. Ke kaloku ndanikwa ingcongolo ende yokulinganisa, kwathiwa: “Hamba uye kulinganisa *indlu kaThixo, neqonga lamadini, ubale nabo banqulayo.
2. Ke yona inkundla engaphandle uze ungazihluphi ngayo, kuba inikezelwe ezintlangeni. Zona ke ziya kusixusha ngeenyawo isixeko esingcwele isithuba esingangeenyanga ezingamashumi amane anambini.