1. Nasi isityhilelo esaboniswa uYesu Krestu nguThixo. Wasiboniswa khon' ukuze yena abonise izicaka zakhe izinto eziza kuhla kamsinya. Esi sityhilelo uYesu wasithumela ngesithunywa sezulu kwisicaka sakhe uYohane.
2. Yena ke uYohane wayibhala wayixela yonke into awayibonayo. Ngoku ke uchaza udaba lukaThixo olo walutyhilelwa nguYesu Krestu.
3. Unoyolo kambe umntu owafundayo amazwi olu daba, benoyolo nĂ¢bo bawaphulaphula bawathathele ingqalelo. Kaloku ixesha lokuzalisekiswa kwawo lisemnyango.