Iinkokheli 11:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kuthe ke kwakuba nje amadoda amakhulu aseGiliyadi asuka alanda uJefta eTobhi,

6. athi: “Yiba yinjengele yethu, khon' ukuze sibe nako ukulwa nama-Amon.”

7. Waphendula ke yena wathi: “Andithi na kanene nandithiya kangangokuba nada nandigxotha endlwini kabawo. Ngani ke ngoku ukuba nithi nakuba sengxakini nize kum?”

8. Ke wona azibika kuye athi: “Ewe, naxa kunjalo sibhenela kuwe ngoku, kuba sifuna uhambe nathi, ulwe nama-Amon. Uya kuba yintloko yethu sonke thina maGiliyadi.”

9. UJefta ke wathi kumadoda aseGiliyadi: “Ukuba ndithe ndabuyela kuni, ndaza ngoncedo lukaNdikhoyo ndawoyisa ama-Amon, ngaba niyavuma ngenene ukuba ndibe yintloko yenu?”

10. Aphendula ke athi: “UNdikhoyo lingqina lethu. Inene, siya kwenza njengoko usitsho.”

Iinkokheli 11