4. Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,lona liyafana nemini yezolo,lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.
5. Uphephetheka njengephepha umntu;uphela okobuthongo, abune njengengca,
6. yona iba luhlaza kusasa,ithi kwakuhlwa ibe selintshwenyile.
7. Siyaphela kaloku yingqumbo yakho,uyasigqiba umsindo wakho.
8. Izono zethu zaziwa nguwe,nezifihliweyo zisekuhleni kuwe.
9. Uyinqumle imihla yethu ngenxa yomsindo,yadlula ngathi kukuqhwanyaza.