1. *Ndikhoyo, ndiya kucula ngezibele zakho njalo-njalo;ukuthembeka kwakho ndokubhengeza kuzo zonke izizukulwana.
2. Ndiya kububengeza obakho ububele ukuba soze butshitshe;ukuthembeka kwakho ukuzinzisile emazulwini.
3. Kaloku wena wathi:“Ndenze umnqophiso kunye nomnyulwa wam;ndinqophisene nesicaka sam uDavide, ndathi:
4. ‘Ndiya kuyimisela ngonaphakade inzala yakho;ndoluxhasa ulawulo lwakho lungabi nasiphelo.’ ”